Ufuna ukuthumela okanye ukucela imali yezinto ezinento yokwenza nendawo obuza kuhlala kuyo, imali yenkonzo okanye into yenokonwatyelwa? Akukho ngxaki! Yiya Kwiziko Lezemali ukuze uvule isicelo sokubuyiselwa imali okanye sokubhatala.
Kusenokufuneka ufake indlela yokubhatala ngaphambi kokuthumela okanye ukucela imali Kwiziko Lezemali.
Uneentsuku eziyi-60 emva kosuku ophume ngalo okanye ekupheleni kwenkonzo okanye into enokonwatyelwa ukuba ufake isicelo Kwiziko Lezemali.
Ukubuyisa imali
Iimali ezimele zibhatalwe ezinganyanzelekanga
Ngokomzekelo:
Iidiphozithi
Ukutshintsha ukubhukisha
Awukwazi ukusebenzisa Iziko Lezemali ukuze ubhatale iindleko ezongezelelekileyo okanye ubuyisele imali yeentsuku ezitshintshiweyo, yenani leendwendwe okanye yenani lezilwanyana zasekhaya. Kufuneka usebenzise indawo ebhukishiweyo yokutshintsha ukubhukisha.
Iimali ezimele zibhatalwe nedipozithi enyanzelekileyo
Zonke iimali ekunyanzelekileyo ukuba zibhatalwe kufuneka zichazwe kwiindawo ezifanelekileyo zeemali ezimele zibhatalwe okanye kwixabiso losuku ukuba ayikho indawo efanelekileyo yeemali ezimele zibhatalwe. Ukuquka ezi mali zimele zibhatalwe kwingcaciso yendlu ngexesha lokubhukisha akwanelanga. Kukho iimeko ezingaqukwanga ezimbalwa:
Kwiindawo apho uAirbnb angaziqokeleliyi iirhafu okanye apho kufuneka ngokomthetho ukuba ababuki zindwendwe baziqokelele ngqo kwiindwendwe, ababuki zindwendwe kufuneka bazichaze iirhafu kwingcaciso yento enokubhukishwa.
Iindawo zokuhlala ehotele
Iziko Lezemali lisenokungafumaneki ukuba lisetyenziswe kwezinye iindawo zokuhlala ehotele. Iihotele zinako nokubhatalisa imali zingasebenzisi iwebhusayithi ka-Airbnb ukuze kubhatalwe iimali ezimele zibhatalwe ezinganyazelekanga (umz: indawo yokupaka) apho kuqhutywa khona izinto eziqhelekileyo zoshishino.
Ukuba umbuki zindwendwe okanye undwendwe lucela imali yeenkonzo ezongezelelekileyo okanye lubuyiselwe imali, uza kufumana isicelo salo kwi-imeyile yakho ehambelana neakhawunti yakho ka-Airbnb okanye Kwiziko Lezemali.
Ngamaxesha athile, ababuki zindwendwe neendwendwe abakwazi ukuyenza isebenze. Ukuba awukafiki kwisivumelwano, uza kubona indlela yokucela i-Airbnb ukuba ikuncede ulamle.
Iingxaki kufuneka zixelwe kuAirbnb zingekapheli iiyure eziyi-72 emva kokuba zifunyenwe ukuze zifaneleke kwipolisi yethu yokubhukisha kwakhona neyokubuyiswa kwemali yeendawo okanye kwipolisi yethu engokubuyiswa kwemali yeenkonzo neyezinto ezinokonwatyelwa. Ukusuka apho, ilungu leqela elizinikeleyo liza kuhlola inkcazelo enikezelwe ngumntu wonke lize libuze imibuzo (ukuba kuyimfuneko) ngaphambi kokwenza isigqibo sokugqibela.
Ngamanye amaxesha iingozi ziyenzeka, yiloo nto kukho iAirCover Yababuki Zindwendwe.
IAirCover Yababuki Zindwendwe kukukhusela ngokupheleleyo kubabuki zindwendwe. Iquka i- $ 3 miliyoni yeInshorensi yomonakalo yombuki zindwendwe, ukongezelela kwi-inshorensi yomonakalo eyi- $ 1 miliyoni, ukuqinisekiswa kokuba lungubani undwendwe, ukuhlolwa kokubhukisha nenombolo yoncedo esebenza oko. Isoloko iqukiwe ibe isoloko isimahla nanini na ubuka iindwendwe.
Ukuba undwendwe lwenza umonakalo kwindawo okanye kwizinto zakho ebudeni bokuhlala kuka-Airbnb, ungafaka isicelo sokubuyiselwa imali Kwiziko lethu Lezemali. Ubuyiselwa imali ngomonakalo othile owenziwe zindwendwe kwindawo yakho nakwizinto zakho ukuba undwendwe aluwubhataleli umonakalo. Funda ngale nkqubo.
I-inshorensi yomonakalo yombuki zindwendwe ayiyopolisi yeinshorensi. I-inshorensi yomonakalo yombuki zindwendwe kunye neInshorensi yomonakalo yomntu okwizinto ezinokonwatyelwa neenkonzo azibakhuseli Ababuki Zindwendwe abaneendawo zokuhlala ngoAirbnb Travel, LLC okanye Ababuki Zindwendwe abanikezela Ngeendawo Zokuhlala okanye Izinto Ezinokonwatyelwa eJapan – apho kusebenza i-Inshorensi Yababuki Zindwendwe baseJapan kunye neInshorensi Yokuzonwabisa yaseJapan. Kwizindlu ezikwiphondo laseWashington, izinto ezifunwa nguAirbnb phantsi kweinshorensi yomonakalo Yombuki Zindwendwe zibhatalelwa yipolisi yeinshorensi ethengwe nguAirbnb. Kubabuki zindwendwe abanendawo yokuhlala okanye indawo yokuhlala engaphandle kweOstreliya, le Mimiselo Yokukhuselwa Kombuki Zindwendwe Yombuki Zindwendwe iyasebenza. Kubabuki Zindwendwe abanelizwe abahlala kulo okanye indawo abahlala kuyo eOstreliya, i-Inshorensi yomonakalo Yombuki Zindwendwe ixhomekeke Kwimimiselo Yokukhuselwa Kombuki Zindwendwe Yabantu Abayisebenzisayo BaseOstreliya. Ungalibali ukuba yonke imida yokukhuselwa iboniswe ngeedola zaseMerika.
I-inshorensi yokubhatalela umonakalo kumntu obebhukishile neinshorensi yomonakalo kumntu Okwizinto Ezinokonwatyelwa neinshorensi yeenkonzo ibhatalwa zezinye iinkampani zeinshorensi. Ukuba ubuka iindwendwe eUK, Ipolisi yeinshorensi yomonakalo kumntu obebhukishile kunye Nepolisi yeinshorensi yomonakalo yomntu Okwizinto Ezinokonwatyelwa Neenkonzo ziqinisekiswe yiZurich Insurance Company Ltd ibe zilungiswe zaza zenziwa ngaphandle kokubhataliswa okongezelelekileyo Kwababuki Zindwendwe baseUK nguAirbnb UK Services Limited – ummeli omiselweyo weAon Uk Limited, ogunyaziswe nolawulwa yiFinancial Conduct Authority. Inombolo yokubhalisa yeFCA kaAon ngu-310451. Ungayijonga le nto kwiFinancial Services Register ngokuya kwiwebhusayithi yeFCA okanye ngokuqhakamshelana neFCA ku-0800 111 6768. Iipolisi zomonakalo kumntu Okwizinto Ezinokonwatyelwa Nakwiinkonzo ezikwiAirCover Yababuki Zindwendwe zilawulwa yiFinancial Conduct Authority; iimveliso neenkonzo ezishiyekileyo azizizo iimveliso ezilungiselelwe yiAirbnb UK Services Limited. FP.AFF.476.LC
KwiEU, ezi polisi zilungiswe zaza zenziwa zasebenza ngaphandle kokuba babhataliswe imali eyongezelelekileyo ababuki zindwendwe bakwiEU yiAirbnb Marketing Services SLU, inkampani esebenzisana noAon Iberia Correduría de Seguros y Reaseguros, SAU, egunyaziswe nelawulwa nguAutoridad de Control de la Dirección General de Seguros y Fondos de Pensiones, ebhaliswe ngenombolo ye-serial ethi-J0170. IAon Iberia Correduría de Seguros y Reaseguros SAU isebenza njengenkampani encedisa iEU, efaka isandla ekusasazeni i-inshorensi kumazwe akwiEU phantsi kwenkululeko yokulawulwa kweenkonzo ukuze inikezele ngeenkonzo phantsi kweSpanish Insurance Distribution Law, phantsi kweInshorensi Distribution Directive, nezinye izinto ezifunwa ngumthetho okanye ezikuwo. Ngaphandle kokuchaphazela igunya lelizwe Elinikezela Ngeenkonzo zeinshorensi, ilizwe elililungu elijongene nokulawulwa kweAon buBukumkani baseSpain neGunya Elongameleyo, iGeneral Directorate of Insurance and Pension Funds, elisePaseo de la Castellana 44, 28046 - eMadrid.