Igqibele ukuhlaziywa: nge-6 kaFebruwari 2025
Sihlaziye Imimiselo yethu Yenkonzo, Imimiselo Yenkonzo Yokubhatala, Ipolisi Yokubhukisha Kwakhona Neyokubuyiswa Kwemali Yamakhaya, eminye yemimiselo neepolisi zethu (xa zizonke, “Imimiselo”), Nepolisi yethu Engezinto Eziyimfihlo.
Izinto ezilungisiweyo Kwimimiselo yethu ekuthethwe ngayo ngezantsi zisebenza ngoko nangoko kubo bonke abantu abayisebenzisayo okokuqala ukususela nge-6 kaFebruwari 2025. Imimiselo ehlaziyiweyo iza kuqala ukusebenza kubasebenzisi abakhoyo nge-17 ka-Aprili 2025. Emva kolo suku, kuza kufuneka uvumelane Nemimiselo ehlaziyiweyo uze uvume Ipolisi Engezinto Eziyimfihlo ukuze ubhukishe okanye ulawule ukubhukisha. Xa sisebenzisa inkcazelo yakho yobuqu ukususela ngolo suku ukuya phambili kuza kuba phantsi kwePolisi Engezinto Eziyimfihlo elungisiweyo.
Imimiselo echaziweyo engachazwanga kweli phepha ineentsingiselo ezifanayo ezinikwe yona Kwimimiselo. Ungafunda imimiselo epheleleyo kwiilinki ezingezantsi, kunye notshintsho olubalulekileyo kunye nenye inkcazelo ebalulekileyo:
Nantsi imibuzo embalwa eqhelekileyo osenokuba unayo ngale nkqubo.
Emva kwe-17 ka-Aprili 2025, bonke abasebenzisi ababhalise iakhawunti yabo ka-Airbnb ngaphambi kwe-6 kaFebruwari 2025 baza kucelwa ukuba bahlole baze bavumelane Nemimiselo elungisiweyo. Kuza kufuneka uvumelane neMimiselo ehlaziyiweyo ngaphambi kokuba uqhubeke nokubhukisha iindawo zokuhlala, ufumane ukubhukisha kwexesha elizayo okanye usebenzise izixhobo zakho Zombuki Zindwendwe. Ukuba awuvumelani neMimiselo elungisiweyo, siza kukunika inkcazelo ngezinto onokukhetha kuzo zokugqibezela ukubhukisha okusele kwenziwe nokurhoxisa iakhawunti yakho. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo okanye udibana nazo naziphi na iingxaki ebudeni bale nkqubo, nceda uthumele i-imeyile ku- [email protected] ukuze ufumane uncedo. Abantu abakhoyo abazukwazi ukuvumelana Nemimiselo elungisiweyo ngaphambi kwe-17 ka-Aprili 2025. Ngokuqhubeka usebenzisa Iwebhusayithi ka-Airbnb ukususela nge-17 ka-Aprili 2025 uza kuba phantsi Kwepolisi Engezinto Eziyimfihlo entsha.
Ukuba ubhalise iakhawunti yakho ka-Airbnb nge-6 kaFebruwari 2025 okanye emva koko, sele uvumelene Nemimiselo Yenkonzo ehlaziyiweyo, Imimiselo Yenkonzo Yokubhatala, neminye imimiselo neepolisi. Kwakhona, ukusebenzisa kwakho Iwebhusayithi yakwa-Airbnb kuxhomekeke kwiPolisi Engezinto Eziyimfihlo entsha. Imimiselo ehlaziyiweyo isebenza kuwe ibe akukho nto ekufuneka uyenze.
Le Mimiselo ihlaziyiweyo iza kusebenza kuzo zonke izinto ezenziwayo (kuquka ukubhukisha okukhoyo, okuqinisekisiweyo) kwiWebhusayithi ka-Airbnb ukususela ngexesha ovumelana ngalo nayo. Ukuba sele uyisebenzisa ibe awuvumelani nemimiselo emitsha, inguqulelo yangaphambili Yemimiselo Yenkonzo, Imimiselo Yenkonzo Yokubhatala Nepolisi Engezinto Eziyimfihlo iza kuqhubeka isebenza ekubhukisheni okuqinisekisile ngaphambi kwe-17 ka-Aprili 2025. Nokuba uyavumelana na Nemimiselo emitsha, ngokuqhubeka usebenzisa Iwebhusayithi ka-Airbnb ukususela nge-17 ka-Aprili 2025 uza kuba phantsi Kwepolisi Engezinto Eziyimfihlo elungisiweyo.
Kude kube ngoAprili 17, 2025, iinguqulelo ezikhoyo zale Mimiselo zinokufumaneka Kwimimiselo Yenkonzo , Kwimimiselo Yenkonzo Yokubhatala, nakumaphepha Epolisi Engezinto Eziyimfihlo.
Siyathemba ukuba uyifumene le nkcazelo ingasentla iluncedo. Sibalaselise izinto esicinga ukuba zezona zinto zitshintshiweyo ziphawulekayo, kodwa ufanele uwahlole ngokwakho amaxwebhu.