Nangona kunqabile, ngamanye amaxesha umbuki zindwendwe kusenokufuneka arhoxise inkonzo yakho okanye into enokonwatyelwa oyibhukishileyo. Siyaqonda ukuba oku kunokuchaphazela izicwangciso zakho ngendlela enkulu. Ukuba oku kuyenzeka, uza kubuyiselwa yonke imali yakho ibe ungaphinda ubhukishe inkonzo okanye into enokonwatyelwa ukuba uyafuna. Ngamanye amaxesha umbuki zindwendwe kusenokufuneka arhoxise inkonzo eqhubekayo okanye into enokonwatyelwa kuba ingxaki iyayithintela into eyenziwayo ukuba iqhubeke; ukuba oku kuyenzeka usenokufanelekela ukubuyiselwa imali phantsi kwePolisi Engokubuyiswa Kwemali Yondwendwe yeenkonzo nezezinto ezinokonwatyelwa.
Xa kurhoxiswa, uza kufumana i-imeyile eneenkcukacha, kuquka inkcazelo yokubuyiselwa imali yakho.